Iingongoma malunga Nokufaka

Iimfuneko Zesixokelelwano:

Amaqhosha Eendlela Ezinqumlayo

Ngamaqhosha eendlela ezinqumlayo kuphela (imidibaniso yamaqhosha) engenanto yakwenza nesixokelelwano sokusebenza anokusetyenziswa kwi-OpenOffice.org. Ukuba umdibaniso wamaqhosha kwi-OpenOffice.org awusebenzi ngendlela ochazwe ngayo kwi-OpenOffice.org Help, jonga ukuba ingaba loo ndlela inqumlayo seyisetyenziswa na sisixokelelwano sokusebenza. Ukusombulula ezo ngquzulwano, unako ukutshintsha amaqhosha abelwe isixokelelwano sokusebenza sakho. Kungenjalo, unako ukutshintsha phantse naluphi ulwabelo lwamaqhosha kwi-OpenOffice.org. Ngolwazi olungaphezulu malunga nesi sihloko, jonga kwi-OpenOffice.org Help okanye kuxwebhu loNcedo lwesixokelelwano sokusebenza sakho.

Ukutshixwa Kwefayili

Kummiselo ohlala ukhona, ukutshixwa kwefayili kuyavulwa kwi-OpenOffice.org. Ukuze kususwe ukusebenza kwako, kufuneka umisele amaxabiso aguqukayo emo engqongileyo afanelekileyo SAL_ENABLE_FILE_LOCKING=0 uze uthumele ngaphandle oku SAL_ENABLE_FILE_LOCKING. La mangeniso selekwimo enikwe isakhono kwifayili yeskript se-soffice.

Isilumkiso: Uphawu lokutshixa lwefayili ebuyiselwa ekusebenzeni lusenokubanga iingxaki nge-Solaris 2.5.1 ne-2.7 xa lusetyenziswa ngokuludibanisa ne-Linux NFS 2.0. Ukuba imo engqonge isixokelelwano sakho inale mimandla yenkcazelo, sicebisa ngamandla ukuba ukuthintele ukusebenzisa uphawu lokutshixwa kwefayili. Kungenjalo, i-OpenOffice.org iya kuma ngokusebenza xa uzama ukuvula ifayili evela kuvimba weefayili ene-NFS emiswe isigxina nevela kwikhompyutha ye-Linux.

Ubhaliso

Nceda thabatha ixesha elincinci uzalise inkqubo eyiyona incinci Yobhaliso Lwemveliso xa ufaka inkqubo ehlohlwa ekhompyutheni. Nangona ubhaliso lungelonyanzelo, sikukhuthaza ukuba uhlalise, njengoko ulwazi lwenza ukuba uluntu lubazi phucukileyo abaququzeleli benkqubo ehlohliweyo luze luqwalasele iimfuno zabasebenzisi ngokungqalileyo. Ngenxa Yomgaqo-nkqubo Wabucala walo Uluntu lwe-OpenOffice.org luqwalasela umqathango ngamnye ukuze ukhusele iinkcukacha zobuqu bakho. Ukuba uluphosile ubhaliso ngethuba lokufaka, unako ukubuyela uze ubhalise nangeliphi ixesha apha

Uphengululo Lwabasebenzisi

Kukho kwakhona Uphengululo Lwabasebenzisi olubekwe kunxibelelwano nesinikhuthaza ukuba niluzalise. Iziphumo Zophengululo Lwabasebenzisi luya kuyinceda i-OpenOffice.org ukuba ikhawulezise ukumisela imigangatho emitsha kuyilo lwabaququzelelli beofisi besizukulwana esizayo. Ngenxa Yomgaqo-nkqubo Wabucala, Uluntu lwe-OpenOffice.org luthabatha yonke imiqathango yokukhusela iinkcukacha zobuqu bakho.

Inkxaso Yomsebenzisi

Xa ufuna uncedo ngabaququzeleli be-OpenOffice.org 2.0 office, bheka kulwazi olulondoloziweyo apho uya kufumana khona imibuzo eseyiphendulwe kuludwe lweemeyile 'user@openoffice.org' apha http://www.openoffice.org/mail_list.html. Kungenjalo, unako ukuthumela imibuzo yakho apha users@openoffice.org. Khumbula ukuhlawula umrhumo kuludwe ukuze ufumane impendulo yemeyile.

Ngokunjalo qwalasela icandelo le-FAQ apha http://user-faq.openoffice.org/.

Xela Iintsholongwane & Nemibandela

Isiza Sothungelwano se-OpenOffice.org samkela i-IssueZilla, indlela yethu yokuxela, ukulandela umkhondo nokusombulula iintsholongwane nemibandela. Sikhuthaza bonke abasebenzisi ukuba bazive benewonga kwaye bamkelekile ukuba baxele imibandela enokuvela kwiqonga lakho elithile. Ukuxela imibandela ngamandla amakhulu lelinye lamagalelo abaluleke kangangoko anokwenziwa luluntu olungabasebenzisi kuphuhliso oluqhubayo nokuphuculwa kwabaququzeleli.

Ukuzibandakanya

Uluntu lwe-OpenOffice.org luya kuba nenzuzo kakhulu kwinxaxheba yakho yokuzinikwla kuphuhliso lwalo msebenzi uyilwayo obaluleke kangaka wentsusa evulelekileyo.

Njengomsebenzisi, sowuyinxalenye ebalulekileyo yenkqubo yophuhliso lwabaququzeleli kwaye sinqwenela ukukukhuthaza ukuba ube nendima enenxaxheba nangaphezulu ngenjongo yokuba ngumnikeli wethuba elide eluntwini. Nceda hlanganisa uze uqwalasele ikhasi labasebenzisi apha: http://www.openoffice.org

Siyathemba ukonwabele ukusebenza nge-OpenOffice.org 3.2 kwaye uya kuzidibanisa nathi ngekhompyutha.

Uluntu lwe-OpenOffice.org

Okusetyenzisiweyo / Ikhowudi Yentsusa Ehlenga-hlengisiweyo

Izabelo Ilungelo lokukopa 1998, 1999 James Clark. Izabelo Ilungelo lokukopa 1996, 1998 Netscape Communications Corporation.